Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 3:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ongathanga awe phantsi, aqubude, uya kujulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo.

7. Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.

8. Ngenxa yoko, ngelo xesha kwasondela amadoda angamaKaledi, awancetheza amaYuda.

9. Athetha athi kukumkani uNebhukadenetsare, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade!

10. Wena kumkani, ùwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide.

11. Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo.

12. Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo.

13. Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani.

14. Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo?

15. Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?

16. Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo.

17. Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani.

18. Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 3