Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 3:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ummemezi wadanduluka ngamandla, wathi, Kuthiwa kuni, zintlanga, zizwe, zilwimi:

5. Ngexesha enithe neva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare,* nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, yiwani phantsi, niqubude kumfanekiso wegolide awumiseleyo uNebhukadenetsare ukumkani.

6. Ongathanga awe phantsi, aqubude, uya kujulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo.

7. Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.

8. Ngenxa yoko, ngelo xesha kwasondela amadoda angamaKaledi, awancetheza amaYuda.

9. Athetha athi kukumkani uNebhukadenetsare, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade!

10. Wena kumkani, ùwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide.

11. Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 3