Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 3:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingàjulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Ùnyanisile, kumkani.

25. Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amané, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engènzakele; ukubonakala kweyesiné ke kufana nonyana woothixo.

26. Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni.

27. Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo.

28. Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.

29. Ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ezisukuba zithetha into eyimposiso ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, ziya kwenziwa iziqwenga; izindlu zabo zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle; ngenxa enokuba kungekho thixo wumbi, unako ukuhlangula ngolo luhlobo.

30. Waza ukumkani wabenza banempumelelo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, ezweni laseBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 3