Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 3:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UNebhukadenetsare ukumkani wenza umfanekiso wegolide. Ukuphakama kwawo bekuziikubhite* ezimashumi mathandathu, ububanzi bawo bebuziikubhite ezintandathu; wawumisa ethafeni laseDura, ezweni laseBhabheli.

2. UNebhukadenetsare wathumela ukuba kuhlanganiswe iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze beze ekusungulweni komfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.

3. Zaza zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze usungulwe umfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani; bema ke phambi komfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.

4. Ummemezi wadanduluka ngamandla, wathi, Kuthiwa kuni, zintlanga, zizwe, zilwimi:

5. Ngexesha enithe neva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare,* nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, yiwani phantsi, niqubude kumfanekiso wegolide awumiseleyo uNebhukadenetsare ukumkani.

6. Ongathanga awe phantsi, aqubude, uya kujulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo.

7. Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.

8. Ngenxa yoko, ngelo xesha kwasondela amadoda angamaKaledi, awancetheza amaYuda.

9. Athetha athi kukumkani uNebhukadenetsare, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade!

10. Wena kumkani, ùwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide.

11. Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo.

12. Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo.

13. Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani.

14. Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo?

15. Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 3