Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:37-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Wena kumkani, kumkani wookumkani, uThixo wamazulu ukuniké ubukumkani, namandla, nokomelela, nozuko;

38. ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu úzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.

39. Emveni kwakho, kuya kuvela obunye ubukumkani obuphantsi kunawe, nobunye ubukumkani besithathu bobhedu, obuya kuba negunya ehlabathini lonke.

40. Nobesiné ubukumkani buya kuba njengesinyithi ukomelela, ngenxa enokuba isinyithi sizicola sizithi nkumenkume izinto zonke; boba njengesinyithi ukuzicola nokuzithi nkumenkume izinto zonke.

41. Wazibonáyo nje iinyawo neenzwane, beziludongwe lombumbi ngenxalenye, zisisinyithi ngenxalenye, bubukumkani obuya kuba bobahlukeneyo; kobakho ubulukhuni besinyithi kubo; ngenxa enokuba ubusibona sisinyithi sixutywe nodongwe oluludaka.

42. Iinzwane zeenyawo zisisinyithi njengenxalenye, ziludongwe njengenxalenye, ubukumkani buya kuthi bomelèle ngenxalenye, bube nkumenkume ngenxalenye.

43. Wasibonáyo nje isinyithi sixutywe nodongwe lodaka, baya kuzixuba nembewu yento engumntu; kodwa abayi kunamathelana, yabona, kwanjengokuba isinyithi singaxubeki nodongwe.

44. Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.

45. Ngenxa enokuba wabonáyo, ukuba ilitye lazithwebula entabeni, kungengazandla, lasicola isinyithi, nobhedu, nodongwe, nesilivere, negolide, uThixo omkhulu umazísile ukumkani okuya kubakho emveni koku; iphupha liqinisekile, ukutyhilwa kwalo kuyinyaniso.

46. Waza ukumkani uNebhukadenetsare wawa ngobuso bakhe, waqubuda kuDaniyeli, wathi, makathululelwe iminikelo yokudla, aqhunyiselwe amavumba athozamisayo.

47. Ukumkani wamphendula uDaniyeli, wathi, Okwenyaniso, uThixo wenu nguThixo woothixo, yiNkosi yookumkani, ngumtyhili weemfihlakalo: ùthe waba nako nje wena ukuyityhila le mfihlakalo.

48. Waza ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izipho ezikhulu zazininzi, wamenza waba negunya phezu kwelizwe lonke laseBhabheli, waba ngumongameli omkhulu wezilumko zonke zaseBhabheli.

49. UDaniyeli wacela kukumkani; yena wamisa enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Ke yena uDaniyeli waba sesangweni lokumkani.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2