Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:29-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokúya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.

30. Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, àkungenxa yabulumko ndingába ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.

31. Wena kumkani, wabe ubona, nango umfanekiso omkhulu. Loo mfanekiso ubumkhulu, nokubengezela kwawo kwancamisa, umi phambi kwakho; imbonakalo yawo ibisoyikeka.

32. Loo mfanekiso, intloko yawo ibiyigolide elungileyo, isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere, isisu sawo namanqe awo elubhedu, imilenze yawo isisinyithi;

33. iinyawo zawo, ngenxalenye zisisinyithi, ngenxalenye ziludongwe.

34. Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla; labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.

35. Zaza ke zacoleka kwakanye isinyithi, nodongwe, nobhedu, nesilivere, negolide, zaba njengomququ wezandá zasehlotyeni; wemka nazo umoya, azafunyanelwa ndawo. Ilitye elo, libethileyo emfanekisweni, laba yintaba enkulu, lazalisa ihlabathi lonke.

36. Lilo elo iphupha; ukutyhilwa kwalo sòkuxela phambi kokumkani.

37. Wena kumkani, kumkani wookumkani, uThixo wamazulu ukuniké ubukumkani, namandla, nokomelela, nozuko;

38. ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu úzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2