Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:28-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:

29. Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokúya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.

30. Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, àkungenxa yabulumko ndingába ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.

31. Wena kumkani, wabe ubona, nango umfanekiso omkhulu. Loo mfanekiso ubumkhulu, nokubengezela kwawo kwancamisa, umi phambi kwakho; imbonakalo yawo ibisoyikeka.

32. Loo mfanekiso, intloko yawo ibiyigolide elungileyo, isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere, isisu sawo namanqe awo elubhedu, imilenze yawo isisinyithi;

33. iinyawo zawo, ngenxalenye zisisinyithi, ngenxalenye ziludongwe.

34. Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla; labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.

35. Zaza ke zacoleka kwakanye isinyithi, nodongwe, nobhedu, nesilivere, negolide, zaba njengomququ wezandá zasehlotyeni; wemka nazo umoya, azafunyanelwa ndawo. Ilitye elo, libethileyo emfanekisweni, laba yintaba enkulu, lazalisa ihlabathi lonke.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2