Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; ngenxa yokuba akukho kumkani mkhulu, unegunya, wakha wabuza into enjalo kuzo zonke izazi, nabakhwitsi, namaKaledi.

11. Ke loo nto ayifunayo ukumkani inqabile; akukho namnye unokuyixela phambi kokumkani, ingengabo oothixo abakhaya lingekhoyo kwizinto eziyinyama.

12. Ngenxa yoko waqumba ukumkani, waba noburhalarhume obukhulu, wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabheli.

13. Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko.Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale.

14. Waza waphendula ngecebo nangengqondo uDaniyeli kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume weza kubulala izilumko zaseBhabheli.

15. Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto.

16. UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba amxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

17. Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazísa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;

18. ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangàtshatyalaliswa uDaniyeli namakholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.

19. Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku. Waza uDaniyeli wambonga uThixo wamazulu.

20. Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.

21. Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.

22. Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2