Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 12:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Mna, Daniyeli, ndabona: nabo abanye ababini bemi, omnye nganeno ngaseludinini lomlambo, omnye ngaphesheya ngaseludinini lomlambo.

6. Wathi omnye kwindoda leyo yambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, Koda kube nini na, ukuphela kwezi zinto zibalulekileyo?

7. Ndeva indoda eyambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesokhohlo sayo, yafunga ohleli ngonaphakade, isithi, Kuya kusa exesheni, emaxesheni amabini amisiweyo, nasesiqingatheni sexesha; kwakupheliswa ukuhlekezwa kwamandla abantu abangcwele, ziya kupheliswa zonke ezo zinto.

8. Mna ke ndeva, àndaqonda; ndathi, Nkosi yam, yiyiphi na eyokuphela kwezi zinto?

9. Yathi, Hamba, Daniyeli, kuba amazwi aya kuvalelwa, atywinwe kude kube lixesha lokuphela.

10. Abaninzi baya kuzenza nyulu, bazenze mhlophe, banyibilikiswe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo. Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda.

11. Kususela kwelo xesha kwasuswayo inkonzo yamaxesha onke, ukuze zimiswe izinto ezinezothe eziphanzisayo, ziintsuku eziliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci asithoba.

12. Únoyolo olinde wafika kwiintsuku eziliwaka, elinamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesihlanu.

13. Wena ke, hamba uye ekupheleni. Ùya kuphumla, uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 12