Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:37-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke.

38. Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo.

39. Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amàbele umhlaba ngokumvuza.

40. Ngexesha lokuphela uya kuhlabana nokumkani wasezantsi; ukumkani wasentla adlongozele aye kuye, eneenqwelo zokulwa, nabamahashe, neenqanawa ezininzi; awangenele amazwe, akhukule, adlule.

41. Wongena ezweni eliligugu, bakhubeke abaninzi; ke aba baya kusinda esandleni sakhe: ooEdom, noMowabhi, nentlahlela yoonyana baka-Amon.

42. Uya kusolula isandla sakhe emazweni la, nelizwe laseYiputa aliyi kusinda.

43. Woba ngumphathi wobutyebi begolide nobesilivere, nobezinto zonke ezinqwenelekayo zaseYiputa; omlandela amaLibhi namaKushi.

44. Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla, aphume enobushushu obukhulu, ukuze abatshabalalise, abasingele phantsi abaninzi.

45. Wozitwabulula iintente zebhotwe lakhe phakathi kweelwandle, ngasentabeni engcwele eligugu, afike ke ekupheleni kwakhe, kungabikho umncedayo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11