Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:32-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze.

33. Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.

34. Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza.

35. Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo.

36. Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11