Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:26-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Abadla umamkeliso wakhe bomaphula, ikhukule impi yakhe, bawe ababuleweyo babe baninzi.

27. Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo.

28. Wobuyela ke ezweni lakhe enempahla eninzi, intliziyo yakhe iwuchàse umnqophiso ongcwele, afeze, abuyele ke ezweni lakhe.

29. Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi; ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni.

30. Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele.

31. Iingalo zakwakhe zosuka zime, ziyihlambele ingcwele, kwainqaba, zisuse inkonzo yamaxesha onke, zimise izinto ezinezothe, eziphanzisayo.

32. Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze.

33. Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.

34. Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza.

35. Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo.

36. Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa.

37. Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke.

38. Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo.

39. Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amàbele umhlaba ngokumvuza.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11