Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu, atshabalalise ngesandla sakhe.

17. Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye.

18. Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi, aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye.

19. Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe, angafunyanwa.

20. Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe.

21. Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza.

22. Iingalo ezikhukulayo ziya kukhukuliswa, zimke ebusweni bakhe, zaphulwe, kwanengànga yomnqophiso.

23. Wothi, kuseloko akukhova ukuthelela kuzo, enze ngenkohliso, anyuke, azuze namandla ngohlanga olungephi.

24. Uya kungena ngokwalama nasezindaweni ezityebileyo zelizwe, enze abangakwenzanga ooyise, nooyise booyise. Uya kukwenza amachithi phakathi kwabo okuphangiweyo, namaxhoba, neempahla zazo, acinge iingcinga zakhe ngeenqaba okwexeshana.

25. Woxhokonxela amandla akhe nentliziyo yakhe kukumkani wasezantsi, enempi enkulu. Ukumkani wasezantsi uya kuxhobela imfazwe, enempi enkulu, encamise ngamandla; ke akayi kuma, kuba baya kwenza iyelenqe ngaye.

26. Abadla umamkeliso wakhe bomaphula, ikhukule impi yakhe, bawe ababuleweyo babe baninzi.

27. Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo.

28. Wobuyela ke ezweni lakhe enempahla eninzi, intliziyo yakhe iwuchàse umnqophiso ongcwele, afeze, abuyele ke ezweni lakhe.

29. Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi; ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni.

30. Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele.

31. Iingalo zakwakhe zosuka zime, ziyihlambele ingcwele, kwainqaba, zisuse inkonzo yamaxesha onke, zimise izinto ezinezothe, eziphanzisayo.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11