Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 10:16-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam. Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla.

17. Angáthini na ke ukuba nako umkhonzi wenkosi yam le, ukuthetha nenkosi yam le? Mna okwam àndisenamandla, akusekho mphefumlo kum.

18. Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza.

19. Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Úthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba ùndomelezile.

20. Wathi, Úyazi na into endizé ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan* esiza.

21. Noko ke ndiya kukuxelela okubhaliweyo esibhalweni senyaniso. Akukho namnye womelezana nam ngakwabo, ngaphandle kukaMikayeli, umthetheli wenu.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 10