Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 9:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe.

7. Àninjengoonyana bamaKushi na kum, nina nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. Andiwanyusanga na amaSirayeli ezweni laseYiputa, amaFilisti eKafetori, ama-Aram* eKire?

8. Yabonani, amehlo eNkosi uYehova asebukumkanini obonáyo, ndibutshabalalise, bungabikho phezu komhlaba; kodwa andiyi kuyitshabalalisa iphele indlu kaYakobi; utsho uYehova.

9. Ngokuba, yabonani, ndiwisa umthetho, ndiyihlungule indlu kaSirayeli ezintlangeni zonke, njengoko kuhlungulwa ingqolowa ngesihlungulo, kungawi nokhozo emhlabeni.

10. Baya kufa ngekrele bonke aboni babantu bam; abo bathi, Abuyi kusifumana, abuyi kusithintela ububi.

11. Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umnquba kaDavide, lowo uwileyo, ndizivingce iintanda zawo, ndizivuse iindawo zawo ezigungxulweyo, ndiwakhe ube njengokwemihla yamandulo;

12. ukuze bawathimbe amasalela akwaEdom, neentlanga zonke, ezibizwa ngegama lam; utsho uYehova okwenzayo oku.

13. Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike.

14. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo.

15. Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 9