Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 8:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra.

11. Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.

12. Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani.

13. Ngaloo mini úya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano.

14. Bona abo bàfunga ityala lakwaSamari; bàthi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bàthi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 8