Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 7:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa.

8. UYehova wathi kum, Ùbona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo.

9. Ziya kuchithwa izigánga zakwaIsake, zibe ngamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukèle phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele.

10. UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe.

11. Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Úya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

12. Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona;

13. kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo.

14. Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Àndimprofeti, àndinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.

15. Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.

16. Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Ùthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.

17. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufèle emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 7