Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 7:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Àndimprofeti, àndinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe.

15. Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli.

16. Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Ùthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake.

17. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufèle emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 7