Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 6:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo.

8. INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo.

9. Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe.

10. Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wóthi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.

11. Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.

12. Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane;

13. nina bàvuyela okungelutho; bàthi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla.

14. Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 6