Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 6:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Nina, bàba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo;

4. nina, bàlele ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu, banabe emandlalweni yabo, badle amatakane emhlambini, namathole asesitalini;

5. nina, bàphololoza kukubetha umrhubhe, bazicingela ukwenza izinto zokuvuma njengoDavide;

6. nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu.

7. Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo.

8. INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo.

9. Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe.

10. Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wóthi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 6