Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 5:8-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe.

9. Ngulotshangazisa imbuqo phezu koliqele, imbuqo iyifikele inqaba.

10. Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo.

11. Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabàthe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo.

12. Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni.

13. Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli.

14. Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo.

15. Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu.

16. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.

17. Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.

18. Yeha ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.

19. Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;* angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.

20. Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?

21. Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.

22. Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki.

23. Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 5