Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 5:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo.

11. Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabàthe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo.

12. Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni.

13. Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli.

14. Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo.

15. Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu.

16. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.

17. Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.

18. Yeha ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.

19. Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;* angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.

20. Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?

21. Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.

22. Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki.

23. Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 5