Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 3:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bakha bahambe ndawonye na ababini, bengavani?

4. Ikha ibharhule na ingonyama ehlathini, ingenanto iyiqwengayo? Ingonyama entsha ikha igqume na emqolombeni wayo, ingabambanga nto?

5. Ikha yeyele na intaka esibatheni emhlabeni, kungekho sango liyithiyeleyo? Wojuba na umgibe emhlabeni, ungabambisanga nokubambisa?

6. Khona khe sivuthelwe na isigodlo phakathi komzi, bangothuki abantu? Khe bubekho na ububi phakathi komzi, engabenzanga uYehova?

7. Inene, ayikhe yenzé into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.

8. Ingonyama ibharhule, ngubani na ongoyikiyo? INkosi uYehova ithethile, ngubani na ongayi kuprofeta.

9. Memezani ezingxandeni ezinde zase-Ashdode, nasezingxandeni ezinde zezwe laseYiputa, nithi, Hlanganisani ezintabeni zelakwaSamari, nibone isaqunge esikhulu esiphakathi kwalo, nabacudisiweyo abasesazulwini salo.

10. Kuba abakwazi ukwenza okuthe gca, utsho uYehova, abo bafumba ugonyamelo nobhuqo ezingxandeni zabo ezinde.

11. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umbandezeli uya kuba ngeenxa zonke elizweni; uya kuwathoba amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde.

12. Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama ooxhongo ababini, nokuba sisiqwenga sendlebe, baya kwenjiwa njalo ukuhlangulwa oonyana bakaSirayeli, abahlala kwaSamari phezu kwephundu lesingqengqelo, naphezu kweengubo zomandlalo eziluhlobo lweDamasko.

13. Yivani, ningqine kwindlu kaYakobi; itsho iNkosi uYehova, uThixo wemikhosi.

14. Kuba, mini ndiya kuzivelela izikreqo zendlu kaSirayeli phezu kwayo, ndiya kuzivelela ezibingelelweni zaseBheteli, zixakaxwe iimpondo zesibingelelo, ziwe emhlabeni.

15. Ndoyichitha indlu yasebusika, kunye nendlu yasehlotyeni, zitshabalale izindlu zeempondo zeendlovu, ziphele izindlu ezininzi; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 3