Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 2:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;

8. banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.

9. Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare,* obeliqele njengemioki;* ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.

10. Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mané, ukuze nilihlùthe ilizwe lomAmori.

11. Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, àkunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.

12. Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.

13. Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu.

14. Wókhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo.

15. Nóphethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe;

16. nontliziyo ikhaliphileyo phakathi kwamagorha asabe ezé ngaloo mini; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 2