Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 2:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, àbayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, àbandwendwisa:

5. ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.

6. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;

7. bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;

8. banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.

9. Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare,* obeliqele njengemioki;* ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.

10. Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mané, ukuze nilihlùthe ilizwe lomAmori.

11. Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, àkunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 2