Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 1:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.

2. Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enzè isijwili, incopho yeKarmele yomè.

3. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bambhuláyo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:

4. ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.

5. Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram,* baye eKire; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 1