Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 9:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesiné, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.

6. Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;

7. athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?

8. Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni na ngani.

9. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

10. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 9