Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 9:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.

16. Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.

17. Kube kusithi, lingànyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.

18. Ngokomlomo kaYehova banduluka oonyana bakaSirayeli, ngokomlomo kaYehova bamisa; yonke imihla elathi zinzi ngayo ilifu phezu komnquba, bamisa.

19-20. Lakolula ilifu imihla emininzi lihleli phezu komnquba, basigcina isigxina sikaYehova oonyana bakaSirayeli, àbanduluka. Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, àbanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka.

21. Kube kusithi lakubakho ilifu ngokuhlwa kude kuse, lakunyuswa ke ilifu kwakusa, banduluke; nokuba bekusemini, nokuba bekusebusuku, lakunyuswa ilifu, bánduluka.

22. Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, àbanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka.

23. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. Basigcina isigxina sikaYehova ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 9