Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 9:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.

13. Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.

14. Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.

15. Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.

16. Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.

17. Kube kusithi, lingànyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 9