Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 9:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa,

2. ngenyanga yokuqala, esithi, Oonyana bakaSirayeli mabayenze ipasika* ngexesha layo elimisiweyo.

3. Noyenza ngomhla weshumi elinesiné kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke.

4. Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika.

5. Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesiné, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.

6. Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;

7. athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?

8. Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni na ngani.

9. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

10. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.

11. Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesiné, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra;

12. bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.

13. Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.

14. Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.

15. Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 9