Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 8:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6. Thabatha abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, ubahlambulule.

7. Wenjenje ke ukubahlambulula; bafefe ngamanzi esono, bahambise isitshetshe sokunquthula enyameni yabo yonke, bahlambe iingubo zabo, bahlambuluke.

8. Baze bathabathe inkunzi entsha, ithole lenkomo, nomnikelo wayo wokudla, umgubo ocoliweyo ugalelwe ioli; uthabathe eyesibini inkunzi entsha, ithole lenkomo yedini lesono.

9. Wòbasondeza abaLevi phambi kwentente yokuhlangana, ubizele ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli;

10. ubasondeze abaLevi phambi koYehova, bacinezele oonyana bakaSirayeli ngezandla zabo phezu kwabaLevi;

11. abatshangatshangise uAron abaLevi, babe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ovela koonyana bakaSirayeli; babe ngabokusebenza umsebenzi kaYehova.

12. AbaLevi bocinezela ngezandla zabo phezu kweentloko zeenkunzi ezintsha ezo; enye uyenze idini lesono, enye idini elinyukayo kuYehova, ukucamagushela abaLevi.

13. Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova;

14. ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.

15. Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso.

16. Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.

17. Ngokuba ngawam onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, ebantwini nasezinkomeni; mini ndawabetha onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndawangcwalisela kum.

18. Ndathabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli.

19. AbaLevi ke ndibaniké ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuze kungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 8