Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 8:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.

23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24. Nantsi indawo eyeyabaLevi: bethabathela kominyaka imashumi mabini anesihlanu ezelwe, banyuse, mabeze kuphuma umkhosi wokusebenza ententeni yokuhlangana.

25. Bethabathela kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bobuya ekuphumeni umkhosi wokusebenza, bangabi sasebenza.

26. Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Ùya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 8