Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 8:13-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova;

14. ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.

15. Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso.

16. Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.

17. Ngokuba ngawam onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, ebantwini nasezinkomeni; mini ndawabetha onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndawangcwalisela kum.

18. Ndathabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli.

19. AbaLevi ke ndibaniké ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuze kungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.

20. Benza ke ooMoses noAron nebandla lonke loonyana bakaSirayeli kubaLevi; ngako konke uYehova awamwisela umthetho uMoses ngabo abaLevi, benjenjalo kubo oonyana bakaSirayeli.

21. Bazihlambulula isono abaLevi, bahlamba iingubo zabo; uAron wabatshangatshangisa, baba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; uAron wabacamagushela ukuba bahlambuluke.

22. Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.

23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24. Nantsi indawo eyeyabaLevi: bethabathela kominyaka imashumi mabini anesihlanu ezelwe, banyuse, mabeze kuphuma umkhosi wokusebenza ententeni yokuhlangana.

25. Bethabathela kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bobuya ekuphumeni umkhosi wokusebenza, bangabi sasebenza.

26. Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Ùya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 8