1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thetha kuAron, uthi kuye, Ekuzimiseni kwakho izibane, mazikhanyise zibhekise phambili, phambi kwesiphatho sezibane, izibane zosixhenxe.
3. Wenjenjalo uAron; wazimisa izibane zaso zabhekisa phambili, phambi kwesiphatho sezibane, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4. Kuko oku ukusetyenzwa kwesiphatho; saba yigolide ekhandiweyo, kwasa esikhondweni saso, kwasa ezintyantyambeni zaso, ingumkhando wona; ngokomfuziselo uYehova awambonisa wona uMoses wasenjenjalo isiphatho.
5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
6. Thabatha abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, ubahlambulule.
7. Wenjenje ke ukubahlambulula; bafefe ngamanzi esono, bahambise isitshetshe sokunquthula enyameni yabo yonke, bahlambe iingubo zabo, bahlambuluke.
8. Baze bathabathe inkunzi entsha, ithole lenkomo, nomnikelo wayo wokudla, umgubo ocoliweyo ugalelwe ioli; uthabathe eyesibini inkunzi entsha, ithole lenkomo yedini lesono.
9. Wòbasondeza abaLevi phambi kwentente yokuhlangana, ubizele ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli;
10. ubasondeze abaLevi phambi koYehova, bacinezele oonyana bakaSirayeli ngezandla zabo phezu kwabaLevi;
11. abatshangatshangise uAron abaLevi, babe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ovela koonyana bakaSirayeli; babe ngabokusebenza umsebenzi kaYehova.
12. AbaLevi bocinezela ngezandla zabo phezu kweentloko zeenkunzi ezintsha ezo; enye uyenze idini lesono, enye idini elinyukayo kuYehova, ukucamagushela abaLevi.
13. Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova;
14. ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.
15. Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso.
16. Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.