88. Zonke iinkomo zombingelelo woxolo zaye zingamashumi omabini anané, iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu zaba ngamashumi omathandathu, neebhokhwe zaba ngamashumi omathandathu, neemvana ezimnyaka mnye zaba ngamashumi omathandathu. Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, emveni kokuthanjiswa kwaso.
89. Ke ekungeneni kukaMoses ententeni yokuhlangana, ukuba athethe naye, weva izwi lithetha kuye, livela esihlalweni sokucamagusha esiphezu kwetyeya yesingqino, phakathi kweekerubhi zombini; wathetha ke yena kuye.