Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingàbalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.