Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 5:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.

5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,

7. mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye.

8. Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.

9. Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, woba ngowakhe.

10. Elowo izinto zakhe ezingcwele zoba zezakhe; elowo into ayinike umbingeleli, yoba yeyakhe.

11. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 5