Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 4:42-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Ababalwáyo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo,

43. ngokwezindlu zooyise, bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,

44. ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo, baba ngamawaka amathathu, anamakhulu mabini.

45. Ngabo abo babalwáyo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.

46. Bonke ke ababalwáyo, awababalayo uMoses noAron nezikhulu zakwaSirayeli, kubaLevi ngokwemizalwane yabo,

47. ngokwezindlu zooyise, bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abo baza kusebenza imisebenzi ngemisebenzi, nomsebenzi wokuthwala ententeni yokuhlangana,

48. ababalwáyo kubo, baba ngamawaka asibhozo, anamakhulu mahlanu, anamanci asibhozo.

49. Babenza bavelela ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses, elowo emsebenzini wakhe, nasemthwalweni wakhe, nasezintweni awozivelela, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 4