Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 36:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.

8. Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise,

9. ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise; ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liye sizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.

10. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.

11. UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 36