Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 36:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ukuba úthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo* koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifa lazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.

5. Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.

6. Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;

7. ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.

8. Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise,

9. ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise; ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liye sizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.

10. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.

11. UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;

12. zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.

13. Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 36