Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 35:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyi kungqina ngomntu afe.

31. Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wobulali osukuba engongendawo, engowokufa; makabulawe afe.

32. Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yobalekele emzini wokusabela kwakhe, ukuba abuye eze kuhlala emhlabeni wakhe, ade afe umbingeleli.

33. Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo.

34. Nize ningalenzi nqambi ke ilizwe enihleli kulo, endihleli kulo; kuba mna, Yehova, ndihleli phakathi koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 35