Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 35:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimizi yokusabela.

15. Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.

16. Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.

17. Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angáfayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.

18. Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angáfayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.

19. Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe.

20. Ukuba uthe wamtyhala ngokumthiya, nokuba umgibisele emzonda, wafa;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 35