Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 34:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. uphume umda uye eZifron; ukuphuma kwawo ume eHatsare-enan. Ngumda wenu wangasentla ke lowo.

10. Nozisikela umda wasempumalanga, nithabathele eHatsare-enan, nise eShefam;

11. uhle umda eShefam, uye eRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga;

12. umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.

13. UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awisé umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.

14. Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso.

15. Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili.

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun.

18. Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.

19. Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 34