Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 34:13-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awisé umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.

14. Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso.

15. Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili.

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun.

18. Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.

19. Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;

20. esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;

21. esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon;

22. esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli;

23. koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi;

24. esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan;

25. esizweni soonyana bakaZebhulon, sisikhulu esinguElitsafan, unyana kaParnaki;

26. esizweni soonyana bakaIsakare, sisikhulu esinguPalatiyeli, unyana ka-Azan;

27. esizweni soonyana baka-Ashere, sisikhulu esinguAhihudi, unyana kaShelomi;

28. esizweni soonyana bakaNafetali, sisikhulu esinguPedayeli, unyana ka-Amihude.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 34