Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 33:49-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

49. Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi.

50. Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,

51. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,

52. nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise; nilihluthe ilizwe, nihlale kulo;

53. kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo.

54. Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu. Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothi liwe kuyo iqashiso lawo.

55. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo. Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babe ngameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo.

56. Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 33