Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 33:40-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.

41. Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.

42. Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.

43. Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.

44. Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.

45. Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.

46. Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-diblatayim.

47. Banduluka eAlimon-diblatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho.

48. Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko,

49. Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi.

50. Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,

51. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 33