Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 33:40-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.

41. Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.

42. Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.

43. Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.

44. Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.

45. Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.

46. Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-diblatayim.

47. Banduluka eAlimon-diblatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 33