Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 33:38-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amané wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo.

39. UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore.

40. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.

41. Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.

42. Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.

43. Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.

44. Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.

45. Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 33