Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 33:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.

4. AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.

5. Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti.

6. Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango.

7. Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahalitsefon, bamisa phambi kweMigidoli.

8. Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara.

9. Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.

10. Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu.*

11. Banduluka eLwandle oluBomvu, bamisa entlango yeSin.

12. Banduluka entlango yeSin, bamisa eDofeka.

13. Banduluka eDofeka, bamisa eAlushe.

14. Banduluka eAlushe, bamisa eRefidim, apho kwakungekho manzi okuba abantu basele.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 33