Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 32:8-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha, ukuba balikhangele ilizwe.

9-11. Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangàyi ezweni abanikáyo uYehova. Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi, Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukáyo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;

12. ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa, unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.

13. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mané, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.

14. Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.

15. Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonákalise ke aba bantu bonke.

16. Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.

17. Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibasé endaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.

18. Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.

19. Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuzé nganeno kweYordan ngasempumalanga.

20. Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,

21. bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo, leyiswa ilizwe phambi koYehova,

22. nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.

23. Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.

24. Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.

25. Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 32